






Okubekusenzeka
Ebholeni Ngo-1996.
Ezinye izinto ezenzeke ebholeni kulo nyaka ziquka:
*	l-Orlando Pirates izuze iBP Cup,

ngoxa ikaizer Chiefs izuze ilwisa CharitySpectacular Cup.
*	ltyala Iomdlali oselula weMoroka Swallows, uSteve Lekoelea, liphele emva kokuba INSL imnike ilungelo lokudlala kwiOrlando Pirates.
*	Umdlali waseMalawi, uErnest Chirwali, ubuyele kweli wafika wadlalela iMamelodi Sundowns kwakhona.
*	UDoctor Khumalo noShaun Bartlett bazibandakanye namaqela eAmerican League.
*	lqhawe elafaka amanqaku amabini kwifayinali yeAfrican Nations Cup, uMark William, ushiye iwolverhampton yaseNgilani, wabuyela kweli wazodlalela iMichau Warriors.
Kanti namaqela ebeqesha
abaqeqeshi abatsha egxotha abadala kulo nyaka.
*	lSundowns igxothe uClemens Westerhoff, yaqesha uReinhard Fabisch.
*	Ikaizer Chiefs igxothe uJeff Butler yaqesha uWalter da Silva, obegxothwe yiMoroka Swallows, yona eqeshe uMike Ntombela, obengasafunwa yiSundowns.
*	lBush Bucks yaseMtata iqeshe uTrot Moloto obegxothwe yiKaizer Chiefs.
*	lSundowns uphele unyaka seyiqeqeshwa nguScreamer Tshabalala, emva kokuba yenze uReinhard Fabisch ukuba abe yiDirector of Coaching.
*	lMoroka Swallows ifumene abalawuli abatsha emva kokuba imvumi enguSello Chicco Twala noMike Mangena bethenge izabelo ezikhulu kweli qela, waza uDavid Chapeli obesoloko engumlawuli walo waligosa nje elingalawuliyo. Emva kokuba kufike bona iSwallows iyawunyusa umgangatho emva kokuba ibikade itsala
l-Orlando Pirates idlala ngo-1996.


nzima kwimidlalo yePremier League.
*	lqela lelizwe liyikhusele ngempumelelo iSimba Four Nations Cup, ebiyidlalela neAustralia, iGhana neKenya kulo nyaka.
Enye into endimele ndiyikhankanye kukukhululwa kukaAbdul Bhamjee entolongweni emva kokutsala iminyaka emine kwisigwebo sakhe seminyaka eli1 4 ayegwetywe yona ngokurhwaphiliza imali yeNSL. Ukukhululwa kwakhe kuyikhwinisile imibutho emininzi etyhole uRhulumente ngokuba izaphuli-mthetho ezirhwaphilize imali akaziphathi njengezinye izaphuli-mthetho.
Niya kukhumbula ukuba kwathi kwakusekwa ikomishini yophando sathi amagosa asezikhundleni eziphezulu ebholeni akakhange asifumane isifundo ekubekweni ityala kukaBhamjee nokuvalelwa kwakhe.
Emva kokwenzeka kwaloo nto akukho mntu ubenokulindela ukuba uMorewa nabanye bangatyholwa ngokudla imali yombutho webhola.
Ukuza kuthi ga ngoku kukho izityholo zokuba uMorewa wamkela i-R33 000 ngenyanga, nokuthi wafumana imali efikelela kwi-R3 000 kwimali yeSAFA Education Trust. Kukho nezityholo zokuba amagosa angaphantsi kwakhe bebehlawulwa imali ebengafanelanga ayifumane nokuthi wabolekwa i-R500 000 yinkampani yakwaAwesome Sport lnternational. 












48 BONA XHOSA - December 1996




UBrenda, ohleli phakathi, uzibalule kwiqela lelizwe.Apha ukunye namalungu eqela lelizwe nomqeqeshi walo, uPatrick Fick (ome ekugqibeleni ngasekhohlo).











































UBrenda ekunye nezinye iindebe azizuzileyoUBrenda Masalesa
akangomdlali obalasele kumazwe ngamazwe kuphela, koko ukwangumzekelo omhle kulutsha.

Kubalise kwafota uBONGANI KA LUKHELE.
UBrenda Masa1esa -Ubalasele
Kwibasketball
U
 BRENDA Masalesa	ekumgangatho oxhomileyo
otshatshele kwibasketball	eJohannesburg (ngoDisemba
usibonisile isiphiwo sakhe	1 994).
nokubalasela ebaleni xa egqwesa	 Esi sithathu siyimizekelo emihle
kwabo ubedlala nabo waza	kubadlali babasketball
wagoduka ephethe iMbasa	abasakhulayo ezilokishini.
Yomdlali Obalaseleyo kwiphondo	 Ngenxa yokungabi namava
laseGauteng kukhuphiswano	kukhuphiswano lwamazwe
lwebasketball lwamaziko emfundo	ngamazwe, iqela lethu alizange
ephakamileyo.	lidlale ngendlela ebesilindele
 UMalasela, ingqondi	ngayo kukhuphiswano lwamazwe
kwibasketball unama-22 eminyaka	aseAfrika.
ungomnye wamalungu amathathu	 Kodwa ndiqinisekile amava
eqela lelizwe ahlala eMamelodi	nokwaziwa esikufumeneyo kuza
abemele ilizwe kwiAfrica Womens	kusenza singajongelwa phantsi
Basketball Championships	kwixesha elizayo. Ndiyithandile

















UBrenda.Ubalasele
Kwibasketball
indlela abadlale ngayo abadlali baseZaire ababe ziintshatsheli, itshiio incumile inzwakazi uBrenda.
UMalasela ongumdlali okhutheleyo nolichule uqale ukunxiba isinxibo seqela laseMzantsi Afrika esimbala uluhlaza nogolide xa wangena kwiqela lelizwe elidlale kwiAfrica Womens Championships ngo-1 992 eSenegal. Wabalasela kuloo midlalo waza watyunjwa njengomnye wabadlali abali-1O abakhawulezayo abaphambili eAfrika.
Ukwadlale kwimidlalo .emibini yamazwe ngamazwe yobuhlobo uMzantsi Afrika oyidlale nekenya eMmabatho ngo-1994 nakwimidlalo emibini yobuhlobo neZimbabwe ngoDisemba.
UMasalesa uqale ukudlala ibasketball ngo-1989 xa wagaywa nguSimon Masango, nowayengumqeqeshi wakhe kwiTrotters Netball CIub. UMasango udlale ibasketball kwiMamelodi Charioters waza waceba ukuseka iqela Iabasetyhini leCharioters.
Nakuba wayengumdlali obalaseleyo kwinetball engazi nto ngebasketball, uMasalesa uye wazimisela ngokupheleieyo kulo mdlalo okwedada lingene zwabhabha emanzini. Ukhawuleze wafunda waza wabonisa isiphiwo semvelo.
Uzuze imbasa yakhe yokuqala njengomdlali oBalaseie Ekufakeni Amanqaku kunyaka nje wokuqala efunde lo mdlalo.
Ukususela ngoko akakhange abuy' umva
yaye uqhubekile nokuzuza iimbasa ezininzi
njengoko waya esiba ngogqwesayo.
Ukwancede iiCharioters, ekuliqela labasetyhini elingafane loyiswe kweli, ekuzuzeni iimbasa ezininzi kuquka neligi yeentshatsheli zeNorthern Transvaal ngo-
1994.
Ubonwa qho kwiintshatsheli zeli
kwibasketball kwiqela laseNorthern
Transvaal.
Uncede iNorthern Transvaal yaphuma kwindawo yesithathu kwiCaltex National Basketball Championships idlalwa ngaphantsi kweBasketball South Africa.
UMasalesa uzimisele ukuzuza ubuchule
nolwazi ukuze abe nako ukuqeqesha
abaseiula ezilokishini. 





.,a










UPeter Mathebula owakhe waliqhayiya leli ngokuba yimbethi-manqindi yokuqa!a eNtsundu eMzantsi-Afrika eyazuza intshinga yehlabathi, akasebenzi yaye zigcina omelele Iigokuchitha imini yonke esela.

Owayeyintshatsheli yehlabathi kudidl lweFlyweight, uTerror Mathebula, esenza eyona n to abalasele kuyo mvanje. L.e foto ichaza yonk' into.


















lsilumkiso esithi Ungatshayi kufutshane nabantwana asihoywa kwaTerror. Apha uphethe umzukulvvana wakhe athi ugqibe ekubeni uza kuba yintshatsheli yehlabathi
elandelayo kusapho

Iwakhe.

v
AKUBIZA NGOKUBA
Yl-'JIM' UPETER
MATHEBULA
kubhale uWILLIE BOKALA

I NDAWO yokujima Iigumbi elinezinto zokuvoca-voca umzimba, apho abantu babila besoma bezama ukwakha imizimba yabo.
Kodwa kuPeter Mathebula nabahlobo xa besithi baya ejimini bathetha nto yimbi - ukuya esirhoxweni.
Oku akwenziwa kukuba uTerror engayazi indawo yokujima ukuba yeyokwenza ntoni, kaloku yayikukutya kwakhe xa wayeyimbethi-manqindi iminyaka eli-1 5. Ukujima kwamnceda waba yimbethi-manqindi yokuqala eNtsundu eMzantsi-Afrika eyazuza intshinga yehlabathi: Ngo-1 980 wabetha intshatsheli uTae Shik Kim eLos Angeles wabuya nayo intshinga yeFlyweight.
Umhlobo wakhe uJoseph Maleka ukujima (kukusela utywala ke oko. ...) 0kuphela kwento abayenzayo nebonwabisayo emini nangorhatya, kuba akukho nto yimbi sinokuyenza yaye maxa wambi siba nesizungu.
lmini iqala ngokuba omnye atyelele omnye, baze basuke baye kubona abanye abahlobo, kuze kuqaliswe ukujima.



4 BONA XHOSA - December l99

50 BONA XHOSA - December 1996

52 BONA XHOSA - December 1996

